Uyindoda
efikeleLekayo
ethetha
inyaniso, egxininisa emsebenzi, kwingqeqesho nembeko ebaleni nangaphandle, utsho uTaelo Motaung, oyikhapteni yeClassic.
Classic
igqwesile kuba abadlali bayo bayazithemba, utsho ukhabo Zondo

ngelolizwi akhe lingqokolayo. Bamana beyiqhuzula intsini njengoko uKhabo othobileyo ebaqhula.
Ubona uzimele phaya kude ukuba aba bafana bayakonwabela ukuqeqeshwa kwabo kwaye eso sesinye sezizathu ezenza ukuba eli qela liphumelele, ngokutsho kukaKhabo.
Ukuqala kweClassic ukudlala kweyona ligi inkulu kweli kuqale okwesiphekepheke xa eli qela belimangalisa abantu ngokubetha
kwanto iphambi kwalo. Kungekudala	Ukungena  abalandeli balibiza ngokuba yi-Yizo
Yizo, gama eli balithathe kumdlalo	edlula obudlalwa kwiSABC kunyaka kuMimi ophelileyo nobangele impikiswano Radebe enkulu. Njengalo mdlalo weMother kamabonakude, indlela eqale isizini City ngayo iClassic yenze kwahlokoma
lonke ilizwe njengoko iye kuhlala kwindawo yesibini kwiligi - nto leyo iqalekayo kwimbali yebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
Ukhabo Zondo onama-38 eminyaka
nongomnye wabaqeqeshi abancinane
kweli Iizwe kumsebenzi osoloko BONA XHOSA February 2000 25
Liyizibalula
iqeIa
IeClassic
Okutshiwo ngubodlali
U-Arthur Zwane ongumdlali wasesiswini: Ungumqeqeshi. ophambili kwaye usincedile sakwazi ukuzithemba.
wabaqeqeshi abambalwa onika abadlali ithuba
zabo.
UThato Maleka,
onguniakimaiiqaku:
Akafuni
kusibona singonwabanga.
Eyona nto ayifunayo kukubona umdlali esenza umsebenzi wakhe kakuhle.
uguquka, uthi impumelelo yakhe isekuzimiseleni, ukuzinikela nokukhuthala. Ziimpawu ezo abonakala enazo ngobuninzi.
Sisoloko sizama ukudlala ngale ndlela siziqeqesha ngayo. Abadlali kufuneka bawonwabele umdlalo, kodwa ngalo lonke ixesha kufuneka badlale ngobuchule, bazinikele yaye baziphathe kakuhle, utshilo uZondo.
Okwangoku eyona nto ndiyizuzileyo njengomqeqeshi asiyompumelelo yodwa, koko ndikwazile ukwenza abadiali bazithembe. Bayazibalula kuba bazithembile kwaye bayayithanda indlela abadlala ngayo.
Xa sasinyuselwa kwiPSL kulo nyaka into yokuqala endazimisela kuyo kukutshintsha iingqondo zabadlali. Ndakwenza konke okusemandleni ukuphelisa iinkolelo zokuba iqela eliqalayo ukudlala kudidi lwabadlali  abahlawulwayo kufanele lilwele ukuba lingadliwa lizembe! Yinto engekhoyo tu leyo - unganexhala lokudliwa lizembe njani ungekadlali nomdlalo omnye?
UZondo wanceda abadlali ukuba baqonde ukuba ukunqula amagorha abo ngelixa bazeyayo bona akuzukubasa ndawo.
Abadlali abathelekisa indlela abadlala ngayo neyabadlali abanamava ababathandayo baya kuhlala bezeya. Ndabaxelela abafana bam ukuba nabo bangangabadlali abaphambili kwaye eso sesinye sezizathu ezibangela ukuba sikwazi ukohlula amanye amaqela aphezulu.
lsigqibo sakhe sokugcina abadlali abaselula nabangenamava ukuze adlale ngabo kWiPSL kwabonwa ngabanye abantu ikukuzibulala ehleli njengoko isisithethe samaqela amatsha kwiPSL ukuyekisa abadfali ababenze banyuselwa kuyo.
Abaphathi bamaqela abafuna abadlali abanamava badla ngokuthenga abadlali abasafunwayo ngamaqela abo -abadlali abaphambili asele bephelelwe kumaqela amakhulu.
Uphuhliso yeyona nto ndiyithandayo. Kwaye ukuthenga kwethu uPage Mahlangu weSundowns noSipho Khuse weFree State Stars, sasizama
U-lnnocent Miyoyo, ungumgcini-zipali ophambili:
Ungaphezulu komqeqeshi, ungutata wethu. Ungomnye wabaqeqeshi abambalwa onika abadlali ithuba
lokuba batsho izimvo zabo
26 BONA XHOSA - February
2000
ukwenza bazithembe nangakumbi abafana abenze eli qela lonyuselwa kwiPSL.
UZondo waba ngumqeqeshi wokuqala ukufumana imbasa yokuba ngumqeqeshi wenyanga kukhuphiswano olutsha lweCoach of the Year Award, kuba kunconywa impumelelo yakhe njengomqeqeshi kwaye iingcali zikholelwa ekubeni xa iClassic ingahlala iphumelela, uZondo angavotelwa njengoyena mqeqeshi ugqwesileyo kule sizini.
Nangona iClassic izenzele igama kwezemidlalo, eli qela liselelinye lamaqela ePSL elidlala imidlalo yalo yasekhaya elokishini.
lbala elincinane IaseMakhulong eTembisa litsho ngentlokoma rhoqo xa aba bafana bequbisene nelinye iqela. lnkxaso enkulu abayifumana xa bedlalela ekhaya yiyo ebangela baphumelela kodwa ubalo lubonakalisa izibalo ezingathandekiyo, utsho uZondo.
Xa iqela lidlalela edolophini okanye kumahlumela-dolophu bambalwa abantu abenza inzame
Ngubani uKhabo Zondo?
UKhabonile Zondo wozalwa ngasuku olwandulela
iKrismesi ngo-1961 kwilokishi endulo yosePayneville kufuphi naseSprings eMpuma-Randi. Wakhulela eThokozo upho wayesoloko esiya rhoqo ecaweni - utatomkhulu wakhe wayengumfundisi kwaye lonke usapho lwakowabo lukholiwe - xa engenzinto wayechitha ixesha Iakhe edlala ibhola ekhutywayo.
UZondo waqala ukudlala ibhola ekhatywayo xa wayedlalela iThokoza Benfica kwiDefy League, ekwokuyisecond division yeNPSL engasekhoyo. Wayengumdlali wosemva nomfaki-manqaku, uKhabo wakhawulezo wabangumtsalane kwamanye amaqela kwaye ngo-1981 wathengwa yiThokaza Mighty Greens. Wadlala kuyo iisizini ezine phambi kokuba othengwe liqela lefirst division yeNPSL, iVosloruus Stalions.
Wayeka ukudlala  ibhola ngo-1986 waqalu isuphamakethi nesilarha noyise. Esinye isizathu sokuba akhawuleze ayeke yayingumtshato wakhe noMemme saza esi sibini salizwa ngentombi kwangaloo nyaka.
UZondo ongumakhi oqeqeshiweyo owafunda eEdendale Technikon eMgungundlovu, wakhela usapho isupermarket nepomokazi lomzi onamagumbi ali-15 eMabuya Park olwalusele luneentombi ezintlanu.
Ukuthanda ibhola kukaKhabo akuzange kuphele kwaye xa wayeqeqesha iThokoza Sporting Spades yanyuselwa kwifourth division yasiwa kwi third division yeNational Soccer Leugue, ubaphathi bebhola ekhatywayo bamonyula wangumqeqeshi weqela elimele iEastern Transvaal kwiSA Coca Cola U-16 lnterprovincial Championships eMonti.
Ngokuhamba kwexesha uKhabo uqeqeshe iqela elidala lakwaTransnet Senior lnterprovincial Tournament eBhayi, waza ngo-1995 unyaka emva kokuba eyekile kwiSporting Spudes, wakhethwa njengomntu oza kuchonga obadlali beEastern Transvaal
Ngo-1996 uKhabo noPule Ace Ntsoelongoe bakhethwe njengabancedisi bakuMich DAvry owayengumqeqeshi wamaGlug-glug. Esi sibini sabangela ukuba iqela laseMzuntsi Afrika leU-23 liphumelele kabini kwimidlalo yobuhlobo eyayibonjelwe eSwaziland.
Kwangaloo nyaku uZondo waba nguMphathi nomqeqeshi weKathrous United, eladlala kwiSAFA Promotional League. Ngo-1998 iClassic yamqesha waze wathabatha iintambo zokuqeqesha ngoNovemba ka-1998. Emva kweenyanga ezintandathu eli qela Ioyiswa kukunyuselwa kwiPSL iminyaka emine lanyuselwa kwiPSL kwaye ukusukeaa ngoko belisoloko liphumelela.
UMemme Khabo
UKhabo yindoda ethuleyo nengqongqo ekhaya. Kuba kungekho nto inokumahlula nebhola, ndide nam ndawuthanda kakhulu lo mdlalo. Ndiyayilandela yonke inkqubela yeClassic kwaye ndiyamxhasa uZondo ngentliziyo yam yonke.
Andikwazi ukuya kuyo yonke imidlalo yabo ngenxa yokuxakeka kodwa ndiyayibukela kumabonakude kwaye xa uKhabo efika ekhaya ndimxelela lonke uluvo lwam ngaaoo mdlalo.
 kuthethwa ngamaqela amakhulu esiwathandayo siyohluka. ena ungumlandeli weChiefs ngelixa mna ndingumlandeli wePirates kwaye sibanazo iingxabano zethu. Ngethamsanqa ingxabano yethu ayibi mbi - kodwa ngelishwa uKhabo siyamodlula, njengoko amantombazana ethanda iPirates!
Indoda yosapho nomxhasi oyedwa weChiefs uKhabo Zondo nosapho lwakhe. lnkosikazi yakhe uMemme, umtshana wakhe uMusa neentombi zakhe uNtombi, uThembi, uDeli noPhumzile bonke bakhwaza iPirates. (iwele likaThembi uSizakele belingekho ekhaya)
zokuya kubukela imidlalo yalo. Kodwa abantu baphuma ngendlu yabo ukuya eMakhulong xa sidlala khona - abalandeli bayalithanda eli qela kwaye balibona ilelabo. 
BONA XHOSA - February 2000 27
ulutsha lwaseMzantsi Afrika lugxalathelene ekutheleleni iimvumi ezintsha zekwaito. UBONGANI KA LUKHELE uphonononga ngabo banala mathemba
Isandi
SEMPUMELELO
1.	Abazimisele ukukhwankqisa nguJabu Nkutha, uZolile Sixishe noSipho Tshabalala beStorm.


2.	URiccardo Tsabane uaka Ricky T, bazimisele.



3.	Bonke aba ngabaseMpuma Koloni sisibini soStamina uFlixido Mbonjwa noSizwe Thala.
U
 ARTHUR MAFOKATE, uOscar Mdlongwa noMdu Masilela kwaneThebe, iTKZee, iMashamplani neTrompies ayingomaqhawe nje omculo kwabanye kunoko yimizekelo. Ngenxa yaba basunguli neendwalutho kwikwaito inani elikhulayo leemvumi eziselula nezithembisayo luye luyithanda luwuthanda Io mculo nakuba zininzi iimvumi kuwo.
Kwabo kusenokwenzeka
Kw!inzame zokukhu!uleka nokungaxhomekeki mntw!ni ukuduma kukaArthur Mafokate neTkzee,
30 BONA XHOSA - February 2000
q)

Q)


q)
